Ovuk’emini Akabonanga Nto – e-Book

R100.00

Category: SKU: ISBN No. 978-1-990999-55-0-e

Description

NJENGELE DERRICK MGWEBI
Injengele yomkhosi waseMzantsi Afrika, edla umhlalaphantsi ngoku, uDerrick Mgwebi, wazalwa ngomhla wama28, ngenyanga kaDisemba yonyaka ka1956, ezalelwa kwaGatyana.

Ekukhuleni kwakhe, emva kokuqukumbela izifundo zakhe, wangena emkhosini waPhesheya kweNciba ngaloo mihla, waqeqeshwa njengejoni. Emva kokungena koMzantsi Afrika kwinkqubo yentando kawonke wonke kwezopolitiko, uMgwebi ungene kumkhosi woMzantsi Afrika, apho athe gqolo ukunyuselwa kumazinga ngamazinga obunkokheli alo mkhosi.

Ubuchule nobuchwepesha bakhe kwezempi, bude babonwa nangamanye amazwe ehlabathi, wachongwa ukuba aphathe imikhosi yoxolelwano kwiindawo ngeendawo. Wachongwa, kuqala, ngamazwe omDibaniso welizwe laseAfrika ngonyaka ka2004, ukuba aphathe umkhosi woxolelwaniso eBurundi, eyayizama uxolo phakathi korhulumente owasekwa emva konyulo luka2003 nabavukeli ababesilwa urhulumente lowo. Izizwe eziManyeneyo zangenelela nazo kweli linge, zincedisa la mazwe aseAfrika. Wasebenza apho iminyaka emithathu uMgwebi.

Ngo2007, wabuyela ekhaya, wafakwa kwelinye inqanaba eliphezulu emkhosini. Ngo2008 ukuya ekuqaleni kuka2010, ucelwe nguCharles Nqakula, owayekhokela iintetho zoxolo eBhurundi ngaloo minyaka, egameni lorhulumente woMzantsi Afrika, ukuba ancedise njengomntu obezazi iimeko zopolitiko kwelo zwe. Ngo2016 ukuya ngo2018, uMgwebi wancedisa kwilizwe laseKhongo, nalapho encidisa kwiinzame zokwakha uxolo.

Kusemkhosini apho uMgwebi wabonisa khona ukukhalipha kwakhe. Ebemele ukuba njalo kuba uphuma kumzi wamagorha. Uyise wooyise, uNgxitho, nguye lo kuthethwa ngaye kweli bali likaNongqawuse. UNgxitho uzala uMgwebi onguyise kaZwelinzima, aze yena uZwelinzima azale uNgangolwandle, uyise kaDerrick.

 

CHARLES NQAKULA
Lo mfana wasemaNzothweni, uyinzalelwane yaseKaladokhwe. Walibona ilanga ngomhla we13, kwinyanga kaSeptemba, ngo1942. Uqale ukubhala ngencwadi yezibongo, Ukhanyo, eyapapashwa ngo1974. Usebenze njengentatheli yamaphephandaba, iMidland News (1966-69); Imvo Zabantsundu (1973-76); Daily Dispatch (1976-81).

Ngo1981 njalo, wavalwa umlomo ngurhulumente wocalu-calulo, weNational Party, ngenxa yegalelo lakhe kwezopolitiko. Ngo1982 ugxothiwe kwimida yoMzantsi Afrika njengomhambeli ongafunwayo, emva kokuba iPhandle iCiskei, apho ebehlala khona, lithabathe umaziphathe. Wade wabanjwa ekwimida yoMzantsi Afrika, ngaphandle kwemvume yorhulumente wabamlophe.

Ulishiyile ilizwe loMzantsi Afrika ngo1984, waya elubhacweni, phantsi kombutho iAfrican National Congress. Lakukhululeka ilizwe, ungene kurhulumente wabantu bonke apho waba ngusekela kwiZiko lezaseKhaya (2001); waba ngumphathiswa wamaPolisa emva koko (2002-2008), nomphathiswa wezoKhuselo (2008-09).

Iincwadi azibhalileyo, ngaphandle koUkhanyo, zezi: The People’s War: Refl ections of an ANC Cadre; When The Land Spewed Fire; The Colour of Hate; The Story of A Man Called Mayoni.

Reviews

There are no reviews yet.

Be the first to review “Ovuk’emini Akabonanga Nto – e-Book”

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Post comment